159. Ndikufuna Kakhulu

 Kukhulu ngenene
Nkosi, Endikuswele
ngako! Ndiyimfama,
 ndikhokele, Ndibe
    nokomelela.
Nkosi yam, Nkosi
  yam, Ndikufuna
ngokukhulu! Nkosi
 yam, Nkosi yam,
Ndigcine, Msindisi
       wam.
Ndibabale ngobulali,
    Ingubo zam
 zimdaka; Ndazis’
 ubuthathaka bam,
  Ndicel’ amandla
       kuwe.
Nkosi yam, Nkosi
  yam, Ndikufuna
ngokukhulu! Nkosi
 yam, Nkosi yam,
Ndigcine, Msindisi
       wam.
Ndikhokele ’e
 ndinqabe:- Ngokwam
andingenzi nto! Hamba
  nam kulamaxauka,
  Nguwe ukukhanya
        kwam.
Nkosi yam, Nkosi
  yam, Ndikufuna
ngokukhulu! Nkosi
 yam, Nkosi yam,
Ndigcine, Msindisi
       wam.
Kungade kufike ntoni,
 Uvuyo kwa nosizi,
 Noko mna ndoti-nca
  kuwe, Nguwe um-
    Khululi wam.
Nkosi yam, Nkosi
  yam, Ndikufuna
ngokukhulu! Nkosi
 yam, Nkosi yam,
Ndigcine, Msindisi
       wam.