153.Namhlanje

   Ngokwe ntswelo
   zangomso, Nkos’
  Andithini; Ndigcine
ndinga ngcoliswa Ngale
         mini;
Ndigcine ndinga
   phambuki
 Ngokuthetha;
Yitywine imilebe
yam Ngale mini.
Ndifuna ukusebenza
   Ndithandaza;
      Ndinga
 ndinganobubele,
    Ngale mini;
Ndomeleze O
    Nkosi yam,
    Ndilulame,
  Ndivuma ndibe
lidini, Ngale mini.
Ukuba ngayo le-
mini, Ndithi ndife,
 Anga amadinga
akho Angaba nam;
Ngoko zonke
    ezangomso
    Azinanto; O
ndigcine, ndibambe,
Nkos’, Ngale mini.